Okufuneka kwenziwe kuzo zonke iimpawu ezingumzobo: Nanini na xa umzila uphela, udibana, uzimanya okanye wongezwa, qinisekisa ngexesha ukuba kukho isikhewu esikhulu ngokwaneleyo kwitrafikhi ukuze uzimanye nayo. Kwakhona vumela enye itrafikhi, enokuzimanya.
Ukuhamba Kwetrafikhi Okuchatshazelwa Sisithintelo
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela.
Injongo: Ukukukhokela ngomzobo obonisa ukuba omnye wemizila yendlela uyaphela.
Umzila Owongezelelweyo
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela.
Injongo: Ukukwazisa ngomzobo ukuba inani lemizila yendlela ohamba kuyo liza kwandiswa kungekudala. Ukuhamba kwetrafikhi echasayo kuboniswa lutolo olunamachaphaza.
Ulawulo Lokusetyenziswa Komzila Ngommiselo
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela.
Injongo: Ukukukhokela ngomzobo obonisa ukuba umzila wasekunene wendlela enemizila emibini okanye inxalenye yendlela uphantsi kwemfuno enyanzelekileyo yophawu olulawulayo 'lomyalelo' okanye 'lokwalela'.
Imizila Iyazimanya
Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela.
Injongo: Ukukukhokela ngomzobo obonisa ukuba umzila uzimanya nomnye umzila okanye ukuba iindlela ziyajoyina.
Pass